Abstract
Kweli phepha kuqwalaselwa igalelo elenziwa kukusetyenziswa kwemifanekiso-ngqondweni yemfazwe nedabi xa kuxoxwa ngesifo somhlaza. Kuchazwa ngedabi eliqhubeka kumanqanaba amabini; ukuqala kwinqanaba likarhulumente olwa esi sifo, ezama ukusitshabalalisa elizweni lakhe, ukuya kwinqanaba ledabi lomguli ngamnye esilwa esi sifo emzimbeni wakhe. Kuphononongwa incoko phakathi kwabaguli abanesifo somhlaza abangama-32 nabantu ababongayo, ukuze kuqondwe indlela abasebenzisa ngayo imifanekiso-ngqondweni yemfazwe nedabi kwincoko zabo, kuqondwe kwakhona ifuthe lale mifanekiso-ngqondweni kubomi babaguli abo. Noxa lo mfanekiso-ngqondweni wedabi ukhangeleka ngathi abaguli uya-bomeleza nje, kuyaphawuleka kanjalo nokuba unefuthe lokuphelisa ithemba kubaguli abameko yabo ifikelele kwindlela eya ekufeni.